Okunqwenelelwa
le mini.
kubalisa uTHULI PHIRI



NaIu olunye uluhlu lwevalentine
-	namacebiso okuzifumanela awona masoka afanelekileyo eMzantsi Afrika


UMbuso Thobethe
Efika emaphikana kwizitudiyo zethu zokufotela eThekwini, KwaZulu-Natal, apho ebekhwele isikhephe neqela leChannel O, uMbuso Thabethe ukhawuleze wabanomtsalane kuthi ngoncumo lwakhe nendlela ahamba ngayo - kube lula ukubona unobangela odala amanenekazi amaninzi angakwazi ukuzibamba.
UMr Music ubephethe ibhegi egcwele qhu ziimpahla zodidi ebeza kukhetha kuzo xa efota -Iimpahla ezithungiweyo zezona ndizithandayo, utsho, amehlo akhe amdaka eqhwanyaza encumile, ngokunjalo nasemculweni.
Unyathela kuhle ngaphambi kokuba azithi jwii
esitulweni ukuze alungiswe.
Heyi, iyandinyumbaza le nto, man! ukhalaza atsho njengoko umlungisi wobuso emthambisa umgubo esidleleni. Sonke siyahleka - njengomsasazi kamabonakude nemvumi kufanele ukuba sele eqhelile ukuqatywa imake up.
Umsasazi wodumo kaChannel O, umvelisi weejingles
neentengiso, umsasazi weM- Net talk show, imvumi yeSold
okwevilentines day
64 BONA XHOSA - February 2000
okungoku nje oyimvumi ezimeleyo, uThabo okumashumi amabini evisayo eminyaka ufunwa ngamandla kwaye ubonakala enayo yonke into.
Ndiyawuthanda umsebenzi,
ndinenkolelo yokuba nantoni na endiyenzayo kufuneka ndiyenze ngokugqibelele, ucacisa indlela aphila ngayo
Kodwa ingaba ithuba analo
iyamvumela ukuba abe nobudlelwane namanenekazi? UThabo uyancuma emangalisiwe ngokungathi uza kuthi Ngubani owaziyo? Mhlawumbi - kodwa anditsho.
lnye into abathandi bakhe ekufuneka
bayazi, kukuba lo mfana onothando uza
kufuna igqiyazana elinokumnika uthando


USello Mooke koNcube
Umdlali kwiGenerations, owaziwa ngabaninzi ngokuba nguMr Romantic, unikina intloko ancumele ecaleni xa ebuzwa ukuba ngubani isithandwa .sakhe.
Umama kufanele ibe ngumntu wokuqala ukwazi xa ndimfumene umntu endimthandayo, utsho uJuliet. Nguyena mhlobo wam osenyongweni -kwaye xa sele esazi, wonke ubani uza kukwazi.
USeNo, othando lwakhe nobukrelekrele bakhe
bumenze wanqwenela kakhulu ngamabhinqa, ukhalima
ngelithi akanguye lomntu bacinga ukuba nguye.
Ndisoloko ndingulo mntu ndinguye nangona ngamanye
amaxesha abathandi bam bendicingela ngenye indlela,
andinokuba yile nto bayifunayo.
lnenekazi alinqwenelayo, ngumntu onentliziyo entle
njengornama wakhe.
Kufuneka ibe ngumntu oziqondayo izinto, kodwa eyona nto
ibalulekileyo abe ngumhlobo wam.
Uyabona, ndikholelwa ukuba alikho ibhinqa eliziphethe
kakubi, utsho uSello. Amabhinqa ndiwathanda njengabantu
abanobubele, abanothando nabanenkathalo.


USom Phororo
Rhoqo inzwana edumileyo eyayisakuba nguMr South Africa uSam Phororo ikhwela eqongeni abalandeli bakhe bayaphambana, iintliziyo zamabhinqa zibethe kakhulu ngethemba lokuba uya kude aqaphele. Kodwa, ngomtshato wakhe kowayesakuba ngumdanisi nosomashishini, uLilian Dooley, ocetyelwe ukuba kule nyanga, amanenekazi amaninzi aya kuchitha le Vatentine aya kuzisola ukuba bekutheni angazibambeli
Kwaye, ngokuva indlela ebecebe ukuyichitha
ngayo le valentine, ubeza kuba ngoyena
ulungileyo.
Usuku lwam lweValentine, beluza kuba nothando, uyancuma uSam. Xa imeko ivuma bendiza kutenda isithandwa sam ngezipho neentyantyambo. Ndiboleke enye yeemoto azithandayo ngolo suku ndimse kwindawo yokutyela ayithanclayo kube kukhala iLatino jazz ngemva.
Emva koko. bendiza kumthabatha ndimse
ekhaya, ndimphe iintyatyambo ezilungiselelwe
USello Maake KaNcube Amabhinqa ndiwabona njengabantu abanobubele, abanothando nabanenkathalo ekufanele babenayo.
UIVAN NAUDE; izithambiso:
MICHEL, Professional Bookings
BONA XHOSA - February 2000 65
